ISAZISO SOLUNTU- 273/2026
USUKU LOKUGQIELA LOKUFAKWA KWEZICELO ZOKUSETYENZISWA KOMHLABA ZONYAKA KA 2026
UMasipala wase Cederberg wazisa bonke abacwangcisi bedolophu, abaphuhlisi kunye namalungu oluntu ukuba uMasipala akayi kwamkela naziphi na izicelo ezintsha zokusetyenziswa komhlaba ezifuna intsuku zekhalenda eziyi-30 lothatho nxaxheba koluntu kunye nezifuna iintsuku eziyi-60 zokuphawula kwamasebe angaphandle emva komhla we 13 Novemba (eyeNkanga) 2026 ngoLwesihlanu ngo 15:00 ixesha emalanga.
Oku kukuqinisekisa ukuba uMasipala unako ukuqwalasela iinqkubo zokusetyenziswa komhlaba ngaphakathi kwexesha eliyimiselweyo lowiso-mthetho kunye nokuthintela iimeko zokubhengeza kwixesha leholide.
Naziphi na izicelo zokusetyenziswa komhlaba ezamkelwe emva komhla we 13 Novemba (eyeNkanga) 2026 ziya kubhaliswa kwaye ziqwalaselwe ukuqala ngo Mvulo kumhla we 11 Janyuwari (eyoMqungu) 2027.
Uyacelwa ukuba unxulumane neSebe loCwangciso Dolophu xa uthe wafuna naluphi ulwazi olungaphezulu.
Umnxeba: 027 482 8000
Imeyile: landuse@cederberg.gov.za
Intsebenziswano yakho ekuthobeleni lamaxesha abekiweyo iyakuxatyiswa kakhulu.
Last published 09 October 2026