ISAZISO SOLUNTU- 272/2026
USUKU LOKUGQIBELA LOKUFAKWA KWEZICWANGCISO ZOKWAKHIWA KANYAKA KA 2026
UMasipala wase Cederberg wazisa bonke ababonisi-zakhiwo, abacwangcisi bedolophu, abaphuhlisi kunye namalungu oluntu ukuba umhla wokuvalwa woukufakwa kwezicwangciso zokwakha wonyaka ka 2026 uzakuba ngo Mvulo ngomhla we 30 Novemba (eyeNkanga) 2026 ngo 12:00 ixesha emini emaqanda.
Elixesha lokuvalwa libaluliweyo liyimfuneko ukuze iSebe lokuLawulwa loKwakhiwo libenexesha elaneleyo lokwenza iinkqubo zokuqwalasela kwaye liqukumbele zonke izicelo ezingeniswe ngaphambi kwexesha leholide zika Desemba (eyoMnga).
Izicelo zokuhlolwa kwezakhiwo, oku kuqukumbela ukwambiwa kwemigodi, ukudilizwa, ukukhutshwa kwamanzi, uhlolo olunxulumene nomlilo kunye nokugqitywa kohlolo zizokuvalwa ngoLwesihlanu ngomhla we 11 Desemba (EyoMnga) 2026 ngo 12:00 emini maqanda ixesha.
Izicelo ezisesikweni ze satifketi sokuhlala kanye isatifiketi sokugqitywa kokwakhiwa ezifunyenwe emva koMvulo ngomhla we 30 Novemba (eyeNkanga) 2026 ngo 15:00 emalanga, ziyakuqwalaselwa kwaye ziqukunjelwe ukusuka ngo Mvulo ngomhla we 11 Janyuwari (eyoMqungu) 2027.
Uyacelwa ukuba unxulumane neofisi yoLawulo lokwakhiwa xa uthe wafuna naluphi ulwazi olungaphezulu.
Umnxeba: 027 482 8000
Imeyile: nolant@cederberg.gov.za / emileenr@cederberg.gov.za
Intsebenziswano yakho ekuthobeleni lamaxesha abekiweyo iyakuxatyiswa kakhulu.
Last published 09 October 2026